indlela yokusebenzisa iialam kwi-windows 10

Indlela yokusebenzisa usetyenziso lweAlam neWotshi

Khaba okanye snuza iialam

Iialam ziza kukhala naxa usetyenziso luvaliwe, isandi sicinyiwe, i-PC yakho itshixiwe, okanye (kwii-laptop ezintsha okanye ithablethi ezine-InstantGo), kwimodi yokuLala. Kodwa aziyi kusebenza xa i-PC yakho lilndile okanye icimile.

Qinisekisa ukuba i-PC yakho iplagiwe kumandla e-AC ukuyithintela ukuba ilinde.
Ukuze usnuze okanye ungahoyi ialam.
Kwisaziso esivelayo, khetha Sukuhoya ukuze uyicime, okanye Snuza ukuze ikhale kwakhona emva kwetyutyana.
Ukuba isaziso siyavaleka ngaphambi kokuba ufikelele kuso, khetha iayikhon yeziko lesenzo kwikona esekunene esezantsi ukuze uyibone kuluhlu uze uyikhethe apho.
Ukuba iskrini sakho sitshixiwe, isaziso sealam sibonakala phezulu kweskrini sokutshixa, yaye ungayicima apho.

Yintoni entsha

Usetyenziso lweeAlam neWotshi ludibanisa ialam newotshi kunye neewotshi zehlabathi, isibali-sexesha, nestophu-wotshi. Nazi izinto ezimbalwa ongazenza ngolu setyenziso:
Phulaphula, snuza, sukuhoya iialam naxa iskrini sitshixiwe okanye isandi sicinyiwe
Khetha izandi ezahlukileyo okanye umculo wakho kwialam
Thelekisa amaxesha ehlabathi jikelele

Iiwotshi zehlabathi

Nantsi indlela yokongeza indawo uze uthelekise amaxesha ehlabathini jikelele
Kusetyenziso lweeAlam neWotshi, khetha iWotshi yeHlabathi, emva koko Entsha + ezantsi.
Ngenisa oonobumba bokuqala abambalwa bendawo oyifunayo, emva koko uyikhethe kuluhlu lokwehlisa. Ukuba akuyiboni indawo oyifunayo, ngenisa enye indawo ekwizoni yexesha elifanayo.
Khetha Thelekisa amaxesha (iiwotshi ezi-2 ezisezantsi), emva koko ufuduse islayida ukuze ukhethe ixesha elitsha oza kulithelekisa. Khetha indawo kwimephu ukuze utshintshe indawo islayida esibhekisela kuyo.
Ukuze uphume kwimodi ethi Thelekisa Amaxesha, khetha iqhosha elithi Emva okanye cinizela uEsc.

indlela yokusebenzisa iialam kwi-windows 10
indlela yokusebenzisa iialam kwi-windows 10

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *