lungisa uqhagamshelo kwizixhobo zeodiyo ze-bluetooth nemiboniso engasebenzisi ntambo kwi-windows 10

Lungisa uqhagamshelo kwizixhobo zeodiyo ze-Bluetooth nemiboniso engasebenzisi ntambo

Iodiyo ye-Bluetooth

Ukuba ucinezela iqhosha elithiQhagamshelakwiziko lentshukumo akusifumani isixhobo sakho, zama oku kulandelayo:
Qinisekisa isixhobo se-Windows sakho sixhasa i-Bluetooth nokuba silayitiwe. Uza kubona iqhosha le-Bluetooth kwiziko lentshukumo.


Ukuba kuliboni iqhosha le-Bluetooth, zama ukuhlaziya idrayivu yesixhobo sakho. Nantsi indlela: Yiya kuQalisa, ngenisa Umanejala wesiXhobo, khetha kuluhlu lweziphumo, emva koko, Umanejala wesiXhobo, khangela isixhobo sakho, cofa ekunene (okanye ucinezele ubambe), ukhethe Hlaziya iSoftwe yeDrayivu, khetha Khangela ngokuzenzekelayo isoftwe yedrayivu ehlaziyiweyo, uze ulandele amanyathelo alandelayo.
Ukuba i-Bluetooth ilayitiwe, yaye idrayiva isexesheni, kodwa isixhobo sakho asisebenzi, zama ukushenxisa isixhobo uze usidibanise kwakhona. Nantsi indlela: Yiya kuQalisa, ngenisa Izixhobo, khetha i-Bluetooth, khetha isixhobo, khetha Shenxisa isiXhobo, emva koko uzame ukudibanisa kwakhona.
Qiniseka ukuba isixhobo sesandi esenziwe sasebenza se-Bluetooth silayitiwe yaye siyafumaneka. Indlela yokwenza oku kwahlukile kwisixhobo, ngoko hlola inkcazelo eze kwizixhobo okanye uye kumvelisi wewebhusayithi.

Izixhobo ze-Miracast

Ukuba ucinezela iqhosha elithiQhagamshelakwiziko lentshukumo akusifumani isixhobo sakho, zama oku kulandelayo:
Qinisekisa isixhobo se-Windows sakho sixhasa i-Miracast ngokujonga inkcazelo ephume naso okanye ngokuya kwiwebhusayithi yomvelisi.
Qiniseka i-Wi-Fi ivuliwe.
Qinisekisa ukuba umboniso ofuna ukubonisa kuwo uyayixhasa i-Miracast nokuba ilayitiwe. Ukuba akuyixhasi, uza kudinga iadaptha ye-Miracast (ngamanye amaxesha ebizwa ngokuba yi-“dongle”) engena kwiphothi ye-HDMI.

Izixhobo ze-WiGig

Ukuba ucinezela iqhosha elithiQhagamshelakwiziko lentshukumo akusifumani isixhobo sakho, zama oku kulandelayo:
Qinisekisa isixhobo se-Windows sakho sixhasa i-WiGig nokuba silayitiwe. Ukuba iPC yakho ixhasa i-WiGig, uza kubona iqhosha le-WiGig Iisethingi > Imodi yenqwelo-moya.
Qinisekisa umboniso uxhasa i-WiGig. Ukuba akuyixhasi, uza kudinga idokhi ye-WiGig.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *