tshintsha injini yokhangelo esisiseko kwi-microsoft edge

I-Microsoft icebisa i-Bing ngamava okhangelo andisiweyo kwi-Microsoft Edge kwi-Windows 10. Ukugcina i-Bing njengenjini yokhangelo esisiseko yakho kukunika:
Iilinki ezithe ngqo kusetyenziso lwe-Windows 10, nto leyo ekusa ngqo kusetyenziso lwakho ngokukhawuleza.
Iingcebiso ezinxulumeneyo ezingakumbi ezisuka kwi-Cortana, umncedisi wedijithali wakho wobuqu.


Uncedo olukhawulezayo ukukunceda ufumane okungakumbi kwi-Microsoft Edge ne-Windows 10.
Kodwa i-Microsoft Edge isebenzisa ubugcisa be-OpenSearch, ukuze utshintshe injini yokhangelo esiseko.
Kwibrawuza ye-Microsoft Edge, ngenisa iwebhusayithi yenjini yokhangelo (ngokomzekelo, www.contoso.com) uze uvule elo khasi.
Khetha Izenzo ezingakumbi (…) > Iisetingi uze uskrole ukwehla ukuze ukhethe Bona iisetingi eziphuculweyo. Kuluhlu ngaphantsi Khangela kwibha yedilesi, khetha uTshintsha.
Khetha iwebhusayithi yenjini yokhangelo lwakho uze ukhethe uSeta njeyokuqala. Ukuba akuyihkethi injingi yokhangelo, iqhosha elithi Seta njengesiseko liza kwenziwa libe ngwevu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *